Xhosa Translation

ISibhengezo seMfundo eVuleleke kuwonke-wonke eKapa :
Ukuphunyezwa kwesithembiso sezixhobo zemfundo evulelekileyo kawonke-wonke.

Isibhengezo esisaqulunqwayo (iDraft) ebesisele siKhutshiwe – Novemba 26, 2007

Sisencotsheni yentshukumo yehlabathi ekufundiseni nasekufundeni. Ootitshala kwihlabathi jikelele baphuhlisa intlaninge yezixhobo zokufundisa kwi-intanethi, ezivulelekileyo nezisimahla kuwonke-wonke zokusetyenziswa. Aba titshala badala ihlabathi apho wonke ubani apha emhlabeni angakwazi ukufikelela yaye afake isandla kulwazi loluntu. Bakwatyala isithombo seendlela ezintsha zokufunda nokufundisa apho ootitshala kunye nabantwana badala, baqulunqe yaye bathungelane ngolwazi bephucula ngcono izakhono zabo njengokuba beqhubeka.

Eli phulo lentshukumo yemfundo evulelekileyo kawonke-wonke lihlanganisa isiko elidala elamiselwayo lokwabelana ngeembono ezintle kunye nabanye ootitshala kunye nentsebenziswano, nenkcubeko yokunxulumana nge–intanethi. Lisekwe kwinkolelo yokuba wonke umntu abe nenkululeko yokusebenzisa, yokuziqhelanisa, yokuphucula nokuhamba-hambisa izixhobo zemfundo ngaphandle kokunqaphazeka. Ootitshala, abafundi nabanye abanale nkolelo bayahlangana njengenxalenye yehlabathi ukwenza imfundo ifikeleleke yaye isebenze ngakumbi.

Ukwanda kwengqokelela yezixhobo zokufunda kwilizwe ngokubanzi kudale isiseko esiluqilima seli galelo? (umhlaba ochumileyo weli galelo). Ezi zixhobo ziquka ilayisensi yezixhobo zokufunda ezivulelekileyo, izicwangciso zezifundo, iincwadi zokufundisa, imidlalwana, izixhobo zekhompyutha, kunye nezinye izixhobo ezixhasa ukufundisa nokufunda. Zifaka isandla ekwenzeni imfundo ifikeleleke ingakumbi apho imali yokuthenga izixhobo zokufunda inqabileyo. Zenza kube lula ngakumbi ukuthatha inxaxheba kwinkcubeko yokufunda, ukudala, ukwabelana kunye nentlanganisela etshintsha ulwazi ngokukhawuleza olufunwa lilizwe.

Nangona kunjalo, imfundo evulelekileyo ayiphelelanga kwizixhobo zemfundo evulelekileyo kuphela. Ikwavula amathuba okufundisa ngezixhobo zobuxhaka-xhaka ezikhuthaza intsebenziswano, ukufunda okukhululekileyo kunye nokwabelana okuvumelekileyo ngeendlela zokufundisa ezixhobisa ootitshala ukuba baxhamle kwezona zimvo zihlonitshiweyo zoogxa babo. Isenokukhulisa ukuqukwa kweendlela ezintsha zokuvavanya, ukuvunywa okusemthethweni, kunye nentlanganisela yokufunda. Ukuqondwa nokwamkelwa kwala malinge kubalulekile kakhulu kwiimbono zexesha elide kule ntshukumo.

Mininzi imiqobo ekuphumezeni lo mbono. Ootitshala abaninzi abazi ngoku kukhula kwezixhobo zemfundo evulelekileyo. OoRhulumente kunye namaziko emfundo nabo ingathi abazi okanye abaqinisekanga ngenzuzo yemfundo evulelekileyo. Iyantlukwano phakathi kwamaqela ahambisa ilayisenisi yezixhobo zemfundo evulelekileyo adala impixwano nokungasebenzisani. Yaye, ngokunjalo, inxalenye yesininzi kwihlabathi ayikabinakufikelela kwiikhompyutha kunye nonxibelelwano olufakiweyo kwigalelo lemfundo evulelekileyo ekhoyo.

Le miqobo ingoyiseka, kuphela xa sisebenzisana. Simema abafundi, ootitshala, abaqeqeshi, ababhali, izikolo, iikholeji, iiyunivesithi, abapapashi, imibutho, imibutho yabantu abaqeqeshiweyo, abaqulunqi bemigaqo-nkqubo, oorhulumente, iziseko zoluntu, kunye nabanye ababelana nathi ngalo mbono ukuba bazibophelele ekulandeleni nasekuphakamiseni imfundo evulelekileyo ingakumbi, la maqhinga mathathu okunyusa ufikeleleko kunye nempembelelo yezixhobo zemfundo evulelekileyo.

  1. Ootitshala nabafundi: Kuqala, sikhuthaza ootitshala kunye nabafundi ukuba bathathe inxaxheba ebonakalayo kule ntshukumo ivelayo yemfundo evulelekileyo. Ukuthatha inxaxheba kuquka: ukudala, ukusebenzisa, ukutshintsha nokuphucula izixhobo zemfundo evulelekileyo kwiimeko ezithile, ukwamkela izenzo zemfundo ezisekwe kwintlanganisela, ukufunyaniswa nokudalwa kolwazi, ukumema ulutsha oluseluncinci kunye nabantu osebenza nabo ukuba babe yinxalenye. Ukudala nokusebenzisa izixhobo zemfundo evulelekileyo kumele kwaziwe njengendibaniselwano kwimfundo yaye kumele kuxhaswe, kuwongwe ngokufanelekileyo.
  2. Izixhobo zemfundo evulelekileyo: Okwesibini, simema bonke ootitshala, ababhali, abapapashi kunye namaziko ukuba akhulule izixhobo zawo ngokuphandle. Ezi zixhobo zemfundo evulelekileyo zimele ukuba zinikwe ilayisenisi yokuba zisetyenziswe, zihlaziye, ziguqule, ziphucule yaye kwabelwane ngazo nangubani na. Izixhobo zemfundo zimele ukuba zipapashwe kwiindlela ezikhuthaza ukusetyenziswa nokuhlela, yaye zamkele iyantlukwano kumaqonga obuchwephesha. Nanini na xa kukwazeka, kumele ukuba izixhobo zibekhona kwindlela ezifikelekayo kubantu abakhubazekileyo nakubantu abangekabinayo i-Intanethi.
  3. Umgaqo- nkqubo wemfundo evulelekileyo:.Okwesithathu, oorhulumente, iibhodi zesikolo, iikholeji kunye neeyunivesithi bamele ukwenza imfundo evulelekileyo ibe ngungqa-phambili. Ngokusesikweni, izixhobo zemfundo ezixunywe ngabarhafi zimele ukuba zizixhobo zemfundo evulelekileyo. Iindlela zokuvunywa kwazo ngabasemagunyeni nokwamkelwa kwazo kumele zinike igunya lokuqala kwizixhobo zemfundo evulelekileyo. Izixhobo zemfundo ezikhutshwayo zimele ukuba ziquke yaye zigqamise izixhobo zemfundo evulelekileyo ngokubonakalayo kwindawo zazo.

La maqhinga akamelanga nje ukwenza okulungileyo kuphela. Agunyazisa utyalo olunamava kwimfundiso nasekufundeni kweli khulu lamashumi amabini ananye eminyaka. Aza kwenza kube lula ukuba imali echithwa kwiincwadi ezibiza kakhulu ijoliswe kwimfundo engcono. Ziza kunceda ootitshala ukuba baqaqambe emsebenzini wabo yaye abonelele ngamathuba amatsha embonakalo kunye nempembelelo yehlabathi. Aza kukhawulezisa iinkqubo ezisaqalwayo ekufundiseni. Aza kunika abafundi igunya elikhulu lokulawula imfundo yabo ngokwabo. La ngamaqhinga acacileyo kuye wonke ubani.

Ngamawaka ootitshala, abafundi, ababhali, abaphathi kunye nabaqulunqi bomgaqo-nkqubo abasele bebandakanyeka kumaphulo emfundo evulelekileyo. Ngoku sinamathuba okukhulisa le ntshukumo iquke izigidi zootitshala kunye namaziko emfundo ephakamileyo kuzo zonke iimbombo zomhlaba zinemali zingenamali. Sinethuba lokufikelela kubaqulunqi bomgaqo-nkqubo, sisebenze kunye ukubamba ngezandla zozibini amathuba azayo. Sinethuba lokuhlanganisa oosomashishini kunye nabapapashi abaphuhlisa amaphulo asisiqalo eentlobo zoshishino ezivulelekileyo. Sinethuba lokukhulisa isizukulwana esitsha sabafundi abazibandakanyayo kwizixhobo zokufundisa zemfundo evulelekileyo, abaxhotyisiweyo yimfundo yabo nababelanayo ngolwazi nembono zabo kunye nabanye. Okubalulekileyo nangaphezulu, sinethuba lokuphuhlisa ngamandla ubomi bamakhulu-khulu abantu emhlabeni ngokubanzi ngamathuba akhoyo asimahla, ezinga eliphakamileyo, emfundo ehambiselana nenkqubo yasekuhlaleni kunye namathuba okufunda.

Thina bantu basayinileyo, simema bonke abantu kunye namaziko emfundo ephakamileyo ukuba asijoyine ekusayineni isiBhambathiso seMfundo eVulelekileyo saseKapa, yaye ngokwenza oko, bazibophelele ekulandeleni la maqhinga mathathu adwelisiweyo apha ngasentla. Sikwakhuthaza nabo basayinileyo ukuba balandele iinkqubo-qhinga ezongezelelekileyo kwimfundo evulelekileyo yobuchwephesha, ukwabelana ngokuphandle ngeendlela zokufundisa kunye nezinye iindlela zokuphakamisa unobangela obanzi wemfundo evulelekileyo. Umntu ngamnye okanye iziko lemfundo ephakamileyo ngalinye elizibophelelayo nangegalelo ngalinye elibhekisela phambili umbono wethu—- sisondela kufutshane kwilizwe elivulekileyo, elikhululekileyo nemfundo esulungekileyo nesebenzayo yabo bonke abantu.

ISibhengezo semfundo eVuleke kuwonke-wonke eKapa :
Ukuphunyezwa kwesithembiso sezixhobo zemfundo evulelekileyo kawonke-wonke.

Isibhengezo esisaqulunqwayo (IDraft) ebesisele siKhutshiwe – Septemba 15, 2007